UHANJISO LWEENKONZO NGOLAWULO OLULULO
2016 - 2021
USodolophu weSigqeba kaMasipala waseDrakenstein Alderman Conrad Poole
ISIXEKO ESIBALASELEYO
Yaze yalixesha elimyoli ukubayinxalenye yeqela elilawula kumasipala waseDrakenstein! Lo Masipali unkqenkqeza phambili ngokungathingaziyo ngokungamandla kwakunye namathuba anokuthi avele. IsiCwangciso soPhuhliso Ngokumanyeneyo sikaMasipala (IDP) siququzelela zonke izicwangciso nemisebenzi ekufuneka iphunyeziwe kumasipala waseDrakenstein. Esi sicwangciso sisixhobo sobuchule obusetyenziswayo sokukhokela imisebenzi karhulumente wommandla ngokubamba iindibano nabantu basekuhlaleni bethethana kwakunye namanye amahlakani. I-IDP inenani leenjongo zayo eziphambili kunye nemisebenzi ekufuneka yenziwe: Okokuqala, inika isikhokelo sazo zonke izicwangciso zophuhliso zikarhulumente nezabucala kummandla kamasipala waseDrakenstein; okwesibini, isisiseko sohlahlo lwabiwo-mali lomasipala kwakunye nolwabiwo lwezixhobo ezisetyenziswayo neziluncedo; okwesithathu yingcaciso ngezidingo neminqweno yabantu kwindawo yethu yasekuhlaleni. Ngenxa yokuphunyezwa kweIPD, kwafezekiswa izinto ezininzi ezahlukileyo. NjengoSodolophu weSigqeba kundinika uchulumanco ukubhiyozela amanye amabali ethu ayimpumelelo kunye nani. Uphicotho olusulungekileyo langonyakamali ophelileyo, utyalo mali olukhulu kumaziko akhoyo, ukuphuculwa kokufikelela ezindleleni nokuhamba kwezithuthi, ukunciphisa ilahleko yamanzi, ukuphuculwa kobunjineli bokuveliswa kwezinto ezintsha, uphumelelo lokufumana amabhaso, amaphulo okuhlangabezananabantu abahlelelekileyo kwakunye nangenkqubo yeminikelo yokufunda yasimahla kubantwana abangathathi ntweni bayeminye yemizekelo yezinto esizenzayo ukuphucula iDrakenstein. Sisonke nabantu basekuhlaleni bengingqi siyaqhubekeka ukufezekisa umbono wethu wokwakha isixeko esibalaseleyo eDrakenstein – ngokusebenzisa ingqiqo nangokomeleleyo.
INKCAZELO MALUNGA NE DRAKENSTEIN
I-Drakenstein sisixeko sesibini kummandla waseCape Winelands. Idolophu yaso enkulu yiPaarl neliziko elenziwe layidolophu esembindini eyakhiwe ngobuchule nekumgama ozikhilomitha ezingamashumi amathandathu (60km) ukusuka kwidolophu yaseKapa. Kumaziko angaphandle kumbindi wedolophu yasePaarl, iWellington kwakunye neMbekweni yiSaron, Gouda, Hermon kwakunye neSimondium ndawonye neefama ezingaphezulu kwama 2 300 . I-Drakenstein ikummandla eozizikwere seekhilomitha ezi 1 538 kwaye inabantu abangama-305 281 . Inamakhaya angama 74 161 kwakunye neendawo zoogobityholo ezingama-41 . Ngumasipala ozinzileyo ngokwezopolitiko noneewadi ezingama-33 kwakunye nooceba abangama-65 . I-Drakenstein inembali enomtsalane, inkcubeko, izakhiwo zelifa lemveli, iifama zeziselo zomdiliya kwakunye neziqhamo, ubuhle bendalo obungenambaliso kwakunye neendawo ezahlukileyo zeebhayisekile kwakunye neendlela zendalo. Indawo entle kakhulu yasemaphandleni, isiselo somdiliya esincamisa umxhelo kwakunye nabantu abanobubele abakwamnkela kwingingqi ezolileyo kweli xesha siphila kulo. Ulwimi lokuqala oluthethwayo eDrankenstein sisiBhulu ( 72.5% ) IsiXhosa ( 16.2% ) kwakunye nesiNgesi ( 4.9% ) Luxanduxa lukaMasipala waseDrakenstein ukwenza indawo exhasa inkululeko yendawo nokuphucula ukuhanjiswa kweenkonzo. Kwinzame zethu zonke sizakuqinisekisa ukuba zonke izixhobo ezikhoyo zizakusetyenziswa ngokugqibeleleyo kwaye nexabiso lemali lifezekiswe.
SIPHUCULA ISIXEKO SETHU UKUZE SIBENGCONO, NGOKUMANYENEYO
Ukususela ngo 2016 uMasipala waseDrakenstein - ubambisene nabahlali bethu – ukwenza inkqubela phambili malunga nombono wokwenza isixeko esibalaseleyo. Ezona nkalo zingundoqo ngombono wezicwangciso zexesha elide lutshintsho lwezoqoqosho, ukuphila ubomi obusemgangathweni komntu wonke, umasipala olawulwa kakuhle, uzinzo kwezezimali. Umgqaliselo wethu uxhaswe yiMiba yoKuhamba koMsebenzi ePhambili esixhenxe (KPA’s), ukuyibiza: Ulawulo Olululo;
Uzinzo kweZemali; uTshintsho lweZiko;
Amaziko akhoyo kwakunye neeNkonzo; uCwangciso noPhuhliso lwezoQoqosho; Ukhuseleko kunye noLawulo lokuSingqongileyo; uPhuhliso lweNtlalo noluNtu.
Kukhokelwa ziinqobo ezintandathu ezilixabiso zokwenza izinto elubala ngokungafihlisiyo, ngoKubalaseleyo, noKuphendula ngoKweemfuno zoluNtu, ngeNtembeko, ngoKufikeleleka naNgobulungisa,senze inkqubela phambili ebonakalayo, sisebenza nzima ukugcina izithembiso zethu kwaye siqinisekisa ukuba iRandi nganye iya ekuhanjisweni kweenkonzo ezisemgangathweni – ingakumbi kwabo bazidinga kakhulu. Ubuchule obusetyenziswa ngabaphathi bolawulo ekwenzeni imisebenzibuyimpumelelo kakhulu. Kungxamisekoo lukhoyo lwemfuneko yokulungiswa ngokutsha, ukunika ingqwakasela kwakunye namandla, uMasipala waseDrakensteinuzakuqinisekisaukuba iimfunonemicelimngeni yabantubaseDrakensteinziyafezekiswa ngokukhawuleza okukhulu. Le yeyonanto ibalulekileyo kumbono wethu wango 2032. Ukwamnkela uluntu lwethu luthabathe inxaxheba kwezophuhliso, ukuqinisekisa ukuba iinjongo kunye neemfuneko ziyafezekiswa kwaye zikumgangatho ophezulu.
AMABALI AYIMPUMELELO NANKQENKQEZA PHAMBILI
KUMAZIKO AKHOYO UMasipala waseDrakenstein uchithe izigidi zezigidi eziyi 1.55 yeBiliyoni zerandi kumaziko akhoyo. Oku kuquka ama- R454 523 290 ezindleleni nakubonelelo ngamandla ombane: R408 727 779 kumnatha wothungelwano lohanjiso lwamanzi, imisebenzi yokucoca amanzi kwakunye namadama: Ama R689 938 125 ekusebenzeni ekucoceni imbangela yokungcola kwamanzi, ukuphuculwa konjelo ophantsi komhlaba ohamba amanzi amdaka neendawo zokulahla inkunkuma eqinileyo. Utyalo mali kumaziko luluncedo kwinkqubela phambili yophuhliso, ukudala amathuba wemisebenzi nokukhula kommandla.
UKUPHUCULA UKUFIKELELA EZINDLELENI KWAKUNYE NOKU- HAMBA KWEZOTHUTHO Ukusetyenziswa kwengxowa-mali yakhe ezizigidi ezingama 28 yemiliyoni zerandi , uMasipala waseDrakenstein wandise iSitalato iVan der Stel Street, ePaarl, ukubonelela abahlali kwakunye namashishini asekuhlaleni oluluqilima uphuculo lokufikelela ezindleleni kwakunye nokuhamba kwezothutho. Umasipala uye wanegalelo ngomyinge wama 20% kwindleko zezi projekthi neziboniswe kwiibrakethi ukuphucula ezi zinto zilandelayo:
Indlela iStokery, Wellington (R32m)
Berg River Boulevard (North) Paarl (R108m)
kwindlela i Jan Van Riebeeck Road, ePaarl (R21m)
R454 523 290
Oosbosch Street Class indlela enye kwindlela zokuhamba ezimbini (R129m)
Ezinye iiprojekthi zokuphucula iindlela nezixabisa ngaphaya kwamakhulu amathathu ezigidi zeerandi ( R300 miliyoni ) neziquka ezise Slot van die Paarl, Windmeul kwakunye naseHaaskraal logama inxenye ka R44 kwakunye no R301 nabo bephuculwa (neqikelelwa kwixabiso lama 486 lezigidi zeerandi idibene).
R408 727 779
R689 938 125
Le yenye yendlela ezibakukekileyo zokuqinisekisa ukuphuculwa kobonelelelo lokuhanjnzo zamanzi. Ilahleko yamanzi kuMasipala waseDrakenstein ngumyinge weepersenti engu 16.92% , owona ukwiqondo eliphantsi eMzantsi Afrika. Umyinge kazwelonke ngama 37% . UBUNJINELI BOKUVELISWA KOBUCHULE OBUTSHA BOKUNCIPHISA ILAHLEKO YAMANZI
16.92%
UBUNJINELI OBUNOBUCHLE
Isitishi sokunkinkisha saseLeliefontein, sesokuqala esilolu hlobo eMzantsi Afrika, singumzekelo wokuba umasipala angasebenzisa ixabiso eliphantsi, nezixhobo ezifumaneka eshelifini zokucoca amandla, zokusebenzisa amandla eziseko esele zikhona kumazikho akhoyo. Ezozixhobo zinye zisetyenziswa ekumpompeni amanzi nasekwenzeni umbane ngokuthi zibuyiselwe umva ukuthululeka kwawo ngeempompo.
IPROJEKTHI “YOKUBHALA IBALI LAM NGOMZOBO WEPEYINTI”
Ukunika amalungu asekuhlaleni iqhayiya lokuziqenya, umasipala waseDrakenstein uqale iprojekthi ‘’yokupeyinta ibali lam’’ nexabisa R5.4 yezigidi zerandi ukuhombisa iiflethi zikamasipala. Zizonke zingama301 indawo zokuqashisa zokuhlala esele zipeyintiwe ngemibala emihle eyahlukileyo, esebenzisa ipeyinti eyomeleleyo, edodobalisa umlilo, nenciphisa iqondo bobushushu bangaphakathi.
AMABALI AYIMPUMELELO NANKQENKQEZA PHAMBILI
INKQUBO YABANGATHATHI NTWENI
Umasipala waseDrakenstein uyakuqonda ukuba abantu abaninzi bayasokola ukufezekisa izidingo zabo zemihla ngemihla ngenxa yeemeko zoqoqosho. Ngako oko usebenzisa uMgaqo-nqubo wakhe Wangaphakathi wokuhlisa umthwalo kwabo basweleyo nabahlali abangathathi ntweni.
Kungokunje ngamakhaya asweleyo angama 20 032 afumana ukuthuthelwa inkukuma simahla, ukuhanjiswa kwelindle kwakunye namanzi asisiseko asimahla.
Ibengamakhaya angama 21 243 afumana umbane wasimahle.
UKUHLALA NGOKUSEMTHETHWENI
ULAWULO OLULULO NEEMBASA
Ukufikelela kumanzi empompo
Ukufikelela embaneni
99.5%
94.5%
Ukuthuthwa kwenkukuma
Ukuhanjiswa kwelindle
99.6%
98.4%
ULAWULO OLULUNGILEYO NAMABHASO
ULAWULO OLULULO NEEMBASA UMasipala waseDrakenstein wenza uzinzo lokusebenzisa inkcubeko ngolawulo olululo kwakunye nelokuphendula ngokweemfuno zoluntu. Ngokuthi gqolo elandela kwaye ebambelele kumthetho omiselweyo nemimiselo yokusetyenziswa kwezimali, siphumelele uphicotho zincwadi olungenamakhwiniba izihlandlo ezi-12 zilandelelana ukususela ngo 2011, nalapho amatyeli amathandathu kulo lwalusulungekile.
NGOYENA MASIPALA USEMGANGATHWENI NGOKWEZEZIMALI EMZANTSI AFRIKA
Unondyebo kaZwelonke kwiNtetho yakhe yezeZimali yoRhulumente woMmandla
kwakunye noLawulo lwezeZimali sukela ngomhla wama 30 Juni 2018 wanika ingxelo yokuba umasipala waseDrakenstein uchazwe njeNgoyena uNkqenkqeza Phambili ngokwezeZimali eMzantsi Afrika nakwiNtshona Koloni.
Le ngxelo ivavanya ezezimali kooasipala belizwe ngokohlelo ngokodidi olumisiweyo noluquka: imali ezinkozo njengomyinge wenkcitho yokwenziwa kwemisebenzi; ukuthi gqolo kweentsilelo ngendlela engafanelekanga kwiintsalela zemali kwakunye nenkcitho engaphaya negqithisileyo kuqingqo- mali olungiselelwe ukwenziwa kwemisebenzi.
UPHICOTHO OLUCOCEKILEYO
NGOYENA MASIPALA WAFUMANA IMBASA YOKUBA LUHLAZA NGO 2019 Ukuqonda ngokusingqongileyo kwisixeko esikhathalele indalo kwakunye nesizukulwana sexesha elizayo, umasipala waseDrakenstein uququzelela utshintsho lolawulo oluzinzileyo omalwenziwe. Ngo 2019 uMasipala waseDrakenstein wahamba nembasa yokuba ngowona masipala uluhlaza yaka kwiNtshona Kapa ngokungaguquguqukiyo ivelisa iindlela zokwenziwa kwemisebenzi ngengqiqo yokugcina oku. Kananjalo iphumelele iimbasa njengowona masipala uphucuke kakhulu kuTshintsho lweMozulu, nanjeNgoyena Masipala uPhucuke Kakhulu kuLawulo lweNkukuma.
ULAWULO OLULUNGILEYO NAMABHASO
IPHULO LESAKHIWO SOHLAZA Ukwakhiwa kweSakhiwo soLawulo lweNkukuma eQinileyo soMasipala waseDrakenstein apho kwaphunyezwa khona imigaqo ezinzileyo yokwakha isakhiwo sohlaza. Oku kuquka umbane ofanelekileyo kwakunye nokujonga ukuhanjiswa kwawo, iindlela zokonga amanzi, igiza yamanzi ashushu esebenza ngombane, ukuqokelela amanzi emvula, indawo ezisebenzisa amanzi amancinci.
ULAWULO OLULULO KWAKUNYE NOKUPHUMELELA IIMBA- SA ZE-CESA ZIKAZWELONKE NGO 2019 Isitishi saseLeliefontein simpompa ngenjini yomoya (PAT Station), sithathwa njengesokuqala esilolu hlobo eMzantsi Afrika nesibizwa ukuba yiNESA (Consulting Engineers South Africa) nesaPhumelela kuZwelonke ngo 2019. ILeliefontein ngokwahlukileyo isebenzisa iimpompo ezifanayo zokupompa amanzi nezithi zenze umbane ngokubuyisela emva ukuthululeka kwawongeempompo.
Iprojekthi yaseLeliefontein ngowona mzekelo mhle wokuba omasipala bangawasebenzisa amaxabiso aphantsi, ngezixhobo ezingekho kwishelufa ezifana neempompo zokuhambisa amandla neenjini zokuwangenisa - ukuvelisa amandla acocekileyo kusetyenziswe amandla anokuba asekhona kumaziko asele ekhona.
NGO 2016 UKUSUSELA NGO 2016 UMASIPALA WASEDRAKENSTEIN NAYE...
UKWAHAMBISE IINKONZO
Unikeze ngetayitile ezi 1 749 kubahlali. eyamnkelweyo bakuluhlu lokufakelwa umbane. 1 2 3
Wanikeza ngeenkonzo zoqhagamshelwano lombane kwindawo zogobityholo ezi-2 357, nokulinganayo nenkcitho-mali eyinkunzi nefikelela kuma R56 ezigidi zeerandi. Ngaphaya komyinge wama 40% wabantu abakwenye indawo yogobityholo
Ngama23esele ifakelwekwi 1393 yezixhobozokuvaumsi kwiindawozoogobityholo.
NGO 2016 UKUSUSELA NGO 2016 UMASIPALA WASEDRAKENSTEIN NAYE... ULAWULO OLULULO
4 5 6
Kusomelezwa kukuqhubela phambili ekuzibopheleleni ekususeni izithinteli nokuphucula ukuqhutywa ngokulula koshishino ngokuthi kwandiswe esele zikhona nokuphucula iinkonzo ezizenzekelayo zamashishini achulumisayo. Ezi ngoku ziquka: izitampo zombane zezicwangciso zezakhiwo ezivunyiweyo ngokusemthethweni; ukunikeza amaxabiso ngomatshini bombane kwiinkalo zezezimali ezahlukileyo kulawulo lwesakhiwo kwakunye nezicelo ezizenzelayo ezimalunga nokufumaneka kweekopi zezicwangciso zesakhiwo.
Unxaxho olulawulekayo lwancipha nge 475 869 ukuphambuka kwinkqubo yeziniki maxabiso ukusuka kuma R63 ezigidi zeerandi ngo 2016 ukuya kuma R27 610 ngo 2020. Unxaxho yenye yezinto esoloko ikhona kwimimiselo yentengiso nethi ivumele umasipala asebenzise inkqubo emiselweyo yeziniki maxabiso kwimeko ezithile.
Wamkela waza waphumeza ukwenziwa kophawu olutsha lwe logo kunye nohlobo lophawu lwebhurendi lokubonakalisa ukubalasela okudalwa yintsebenziswano. Izitena zokufulela umqolo wophahla ngaphandle zombala oluhlaza kakhulu zibonakalisa ulundi lweentaba zaseDrakenstein; uluhlu olulugophe lombala ongekho luhlaza kakhulu nongacacanga lumele umlambo iBerg kwakunye nentlambo yaseDrakenstein nehamba phakathi kolundi lweentaba; indawana encinane eluhlaza ibonakalisa uhlumo, uphuhliso kwakunye nezolimo; uze umzobo osembindini ubonakalise impumelelo nokubalasela.
7
Sabelanangendaba zakutshanje zoomasipalangokuseka iqonga elisebenzangempumelelo lokuthunyelwa kweencwadi kumalungu ombutho eziqulatha iinkcukacha ezityebileyo ngomnatha wothungelwano obizwa ngokuba yiVars . Nequlathe iividiyo ezimfuthsane eziqhotyoshelweyo, amanqaku endaba agxile kumasipala nasekuhlaleni, iifoto, upapasho lweziniki maxabiso weethenda kwakunye namathuba emisebenzi, ikwafaka ichaze namalungu asekuhlaleni kwakunye nabasebenzi bakamasipala. Iqela loNxibelelwano kwakunye neeNtengiso nalo likhulise ikhasi lomasipala kwiPhepha likaFacebook layokuma kubalandeli abangaphaya kwama 27 000, laseka neqonga lika-Instagram neqonga lika Youtube lomasipala. Yandise iqhinga leqonga leqela lika WhatsApp lomsitho ngamnye woomasipala ukuqinisekisa ukuba bonke abadlala indima baphendula ngethuba kuzo naziphina izinto ezintsha ezivelayo, ezinobuzaza okanye kwimeko ezingaqheleka ngakuwo nawuphina umsitho wokuhanjiswa kwenkonzo. Abanikazi be-akhawunti bangathi bathumele imifanekiso yokufundwa kwemitha zamanzi kumasipala ngo WhatsApp, kananjalo bangathi babhalise ukufundwa kwemitha zabo zamanzi kumnatha wothungelwano lwe intanethi ongu: http://www.drakenstein.gov.za/meter-readings
8
UPHUHLISO LOLUNTU
9
Unikeze ngaphezulu kwesigidi seerandi kumaqumrhu angengokarhulumente (NGO) ukuze ayichithe ekuqinisekiseni ukubakhona kokutya kubahlali ngexesha leCOVID-19 lomiso-ngxi lwentshukumo lwesigaba sesihlanu. Izakhiwo ezintathu zikamasipala zifakwe isixhobo kwakunye nabasebenzi ukubonelela ngendawo yokuhlala, iindawo zangasese kwakunye nezidlo ezintathu ngosuku kubantu abangenamakhaya abangaphaya kwe-170 ngexesha lomiso-ngxi lwentshukumo.
NGO 2016 UKUSUSELA NGO 2016 UMASIPALA WASEDRAKENSTEIN NAYE...
adinga uncedo ukuze anikwe ukutya yonke imihla. 10 11 12
BSiqhuba amaziko alishumi elinanye (11) abhalisiweyo ngokusemthethweni okutyisa isuphu kumasipala waseDrakenstein nalapho amalungu alo mmandla
inikeze isixhobo zokulima ifama okanye igadi kubantu abalikhulu (100) abaxhamlileyo “kwiNkqubo eqinisekisa ubukho bokutya kwiKhaya Ngalinye iHekthareNganye” kwanokusekwa kweegadi zokutya ezikolweni zasemaphandleni kwakunye negadi zemifuno eziphathekayo kumakhaya alishumi elinesine (14) asweleyo.
Uwonge abafundi bebanga leshumi ngeebhasari ezi-184 zizonke, kuquka ezikhethekileyo ezi-24 zabafundi bezikolo zasemaphandleni. Abafundi abangamashumi mabini enethoba (29) bebanga leshumi bancediswa ukufumana iimpepha-mvume zabo zokuqhuba zika Code 8 njengenxalenye yeprojekthi yokwandisa amathuba wabo okufumana umsebenzi, logama ingabantu abatsha abangama-43 basemaphandleni abancediswa ukufumana iimpepha-mvume zabo zokuqhuba zika Code 10.
13 14 15 16
Yandise ngoKubanzi iNkqubo yeMisebenzi yoluNtu (Expanded Public Works Programme) nebonelelwe ngomyinge wama 228% kunikezelo lwengxelo esemgangathweni nokufezekisa iinjongo zeenkalo zojoliso ezibekwe ngurhulumente weNtshona Koloni, nokwabanesiphumo sokuba kwi- kuqikelelwa ukuba ngamathuba emisebenzi eyongezelelweyo angaphezulu kwama-500 athe adaleka ngonyaka-mali ngamnye.
Kwakhiwe okanyekw aphuculwa amathala eencwadi , kuquka ne-R130 yeZigidi zeerandi eGroenheuwel ‘’House of Learning’’ ndawonye neThala leeNcwadi iChicago library iThala leeNcwadi iKlein Drakenstein neThala leeNcwadi iSimondium libra.
Ukuxhotyiswa ngezakhono kwabantwana abangamawaka amabini (2000) kwiDrakenstein iyonke kwinkqubo yokufundisa ukuqubha ‘’Learn to swim programme’’ ngentsebenziswano kunye noNkosazana Charlene waseMonaco kwakunye nentshatsheli yokuqubha eMzantsi Africa uRyk Neethling.
Ngokusesikweni ibhengezwe ngengeyona ndawo ikhuselekileyo yokundwendwela nekwizinga eliphezulu lempilo kwakunye nokubasempilweni lokulandela imithetho yeCOVID-19 ukuze kuhambeleke ngokukhuselekileyo kule ndawo. Isitampo soKuthatha Uhambo ngokuKhuselekileyo sivumela iindwendwe ukuba zichonge iindawo eziya kuzo kwakunye namashishini kwihlabathi jikelele nowamkele iMithetho neMigqaliselo yokuNdwendwela kwakunye neBhunga lezeMpilo noKhenketho noKubasempilweni leHlabathi Jikelele.
customercare@drakenstein.gov.za
www.drakenstein.gov.za
@DrakensteinMunicipality
@drakensteinmunicipality
080 131 3553 toll free
Page 1 Page 2 Page 3 Page 4 Page 5 Page 6 Page 7 Page 8 Page 9 Page 10 Page 11 Page 12 Page 13 Page 14 Page 15 Page 16Made with FlippingBook - Online Brochure Maker