NGO 2016 UKUSUSELA NGO 2016 UMASIPALA WASEDRAKENSTEIN NAYE... ULAWULO OLULULO
4 5 6
Kusomelezwa kukuqhubela phambili ekuzibopheleleni ekususeni izithinteli nokuphucula ukuqhutywa ngokulula koshishino ngokuthi kwandiswe esele zikhona nokuphucula iinkonzo ezizenzekelayo zamashishini achulumisayo. Ezi ngoku ziquka: izitampo zombane zezicwangciso zezakhiwo ezivunyiweyo ngokusemthethweni; ukunikeza amaxabiso ngomatshini bombane kwiinkalo zezezimali ezahlukileyo kulawulo lwesakhiwo kwakunye nezicelo ezizenzelayo ezimalunga nokufumaneka kweekopi zezicwangciso zesakhiwo.
Unxaxho olulawulekayo lwancipha nge 475 869 ukuphambuka kwinkqubo yeziniki maxabiso ukusuka kuma R63 ezigidi zeerandi ngo 2016 ukuya kuma R27 610 ngo 2020. Unxaxho yenye yezinto esoloko ikhona kwimimiselo yentengiso nethi ivumele umasipala asebenzise inkqubo emiselweyo yeziniki maxabiso kwimeko ezithile.
Wamkela waza waphumeza ukwenziwa kophawu olutsha lwe logo kunye nohlobo lophawu lwebhurendi lokubonakalisa ukubalasela okudalwa yintsebenziswano. Izitena zokufulela umqolo wophahla ngaphandle zombala oluhlaza kakhulu zibonakalisa ulundi lweentaba zaseDrakenstein; uluhlu olulugophe lombala ongekho luhlaza kakhulu nongacacanga lumele umlambo iBerg kwakunye nentlambo yaseDrakenstein nehamba phakathi kolundi lweentaba; indawana encinane eluhlaza ibonakalisa uhlumo, uphuhliso kwakunye nezolimo; uze umzobo osembindini ubonakalise impumelelo nokubalasela.
Made with FlippingBook - Online Brochure Maker