7
Sabelanangendaba zakutshanje zoomasipalangokuseka iqonga elisebenzangempumelelo lokuthunyelwa kweencwadi kumalungu ombutho eziqulatha iinkcukacha ezityebileyo ngomnatha wothungelwano obizwa ngokuba yiVars . Nequlathe iividiyo ezimfuthsane eziqhotyoshelweyo, amanqaku endaba agxile kumasipala nasekuhlaleni, iifoto, upapasho lweziniki maxabiso weethenda kwakunye namathuba emisebenzi, ikwafaka ichaze namalungu asekuhlaleni kwakunye nabasebenzi bakamasipala. Iqela loNxibelelwano kwakunye neeNtengiso nalo likhulise ikhasi lomasipala kwiPhepha likaFacebook layokuma kubalandeli abangaphaya kwama 27 000, laseka neqonga lika-Instagram neqonga lika Youtube lomasipala. Yandise iqhinga leqonga leqela lika WhatsApp lomsitho ngamnye woomasipala ukuqinisekisa ukuba bonke abadlala indima baphendula ngethuba kuzo naziphina izinto ezintsha ezivelayo, ezinobuzaza okanye kwimeko ezingaqheleka ngakuwo nawuphina umsitho wokuhanjiswa kwenkonzo. Abanikazi be-akhawunti bangathi bathumele imifanekiso yokufundwa kwemitha zamanzi kumasipala ngo WhatsApp, kananjalo bangathi babhalise ukufundwa kwemitha zabo zamanzi kumnatha wothungelwano lwe intanethi ongu: http://www.drakenstein.gov.za/meter-readings
8
UPHUHLISO LOLUNTU
9
Unikeze ngaphezulu kwesigidi seerandi kumaqumrhu angengokarhulumente (NGO) ukuze ayichithe ekuqinisekiseni ukubakhona kokutya kubahlali ngexesha leCOVID-19 lomiso-ngxi lwentshukumo lwesigaba sesihlanu. Izakhiwo ezintathu zikamasipala zifakwe isixhobo kwakunye nabasebenzi ukubonelela ngendawo yokuhlala, iindawo zangasese kwakunye nezidlo ezintathu ngosuku kubantu abangenamakhaya abangaphaya kwe-170 ngexesha lomiso-ngxi lwentshukumo.
Made with FlippingBook - Online Brochure Maker