INKCAZELO MALUNGA NE DRAKENSTEIN
I-Drakenstein sisixeko sesibini kummandla waseCape Winelands. Idolophu yaso enkulu yiPaarl neliziko elenziwe layidolophu esembindini eyakhiwe ngobuchule nekumgama ozikhilomitha ezingamashumi amathandathu (60km) ukusuka kwidolophu yaseKapa. Kumaziko angaphandle kumbindi wedolophu yasePaarl, iWellington kwakunye neMbekweni yiSaron, Gouda, Hermon kwakunye neSimondium ndawonye neefama ezingaphezulu kwama 2 300 . I-Drakenstein ikummandla eozizikwere seekhilomitha ezi 1 538 kwaye inabantu abangama-305 281 . Inamakhaya angama 74 161 kwakunye neendawo zoogobityholo ezingama-41 . Ngumasipala ozinzileyo ngokwezopolitiko noneewadi ezingama-33 kwakunye nooceba abangama-65 . I-Drakenstein inembali enomtsalane, inkcubeko, izakhiwo zelifa lemveli, iifama zeziselo zomdiliya kwakunye neziqhamo, ubuhle bendalo obungenambaliso kwakunye neendawo ezahlukileyo zeebhayisekile kwakunye neendlela zendalo. Indawo entle kakhulu yasemaphandleni, isiselo somdiliya esincamisa umxhelo kwakunye nabantu abanobubele abakwamnkela kwingingqi ezolileyo kweli xesha siphila kulo. Ulwimi lokuqala oluthethwayo eDrankenstein sisiBhulu ( 72.5% ) IsiXhosa ( 16.2% ) kwakunye nesiNgesi ( 4.9% ) Luxanduxa lukaMasipala waseDrakenstein ukwenza indawo exhasa inkululeko yendawo nokuphucula ukuhanjiswa kweenkonzo. Kwinzame zethu zonke sizakuqinisekisa ukuba zonke izixhobo ezikhoyo zizakusetyenziswa ngokugqibeleleyo kwaye nexabiso lemali lifezekiswe.
Made with FlippingBook - Online Brochure Maker