SIPHUCULA ISIXEKO SETHU UKUZE SIBENGCONO, NGOKUMANYENEYO
Ukususela ngo 2016 uMasipala waseDrakenstein - ubambisene nabahlali bethu – ukwenza inkqubela phambili malunga nombono wokwenza isixeko esibalaseleyo. Ezona nkalo zingundoqo ngombono wezicwangciso zexesha elide lutshintsho lwezoqoqosho, ukuphila ubomi obusemgangathweni komntu wonke, umasipala olawulwa kakuhle, uzinzo kwezezimali. Umgqaliselo wethu uxhaswe yiMiba yoKuhamba koMsebenzi ePhambili esixhenxe (KPA’s), ukuyibiza: Ulawulo Olululo;
Uzinzo kweZemali; uTshintsho lweZiko;
Amaziko akhoyo kwakunye neeNkonzo; uCwangciso noPhuhliso lwezoQoqosho; Ukhuseleko kunye noLawulo lokuSingqongileyo; uPhuhliso lweNtlalo noluNtu.
Kukhokelwa ziinqobo ezintandathu ezilixabiso zokwenza izinto elubala ngokungafihlisiyo, ngoKubalaseleyo, noKuphendula ngoKweemfuno zoluNtu, ngeNtembeko, ngoKufikeleleka naNgobulungisa,senze inkqubela phambili ebonakalayo, sisebenza nzima ukugcina izithembiso zethu kwaye siqinisekisa ukuba iRandi nganye iya ekuhanjisweni kweenkonzo ezisemgangathweni – ingakumbi kwabo bazidinga kakhulu. Ubuchule obusetyenziswa ngabaphathi bolawulo ekwenzeni imisebenzibuyimpumelelo kakhulu. Kungxamisekoo lukhoyo lwemfuneko yokulungiswa ngokutsha, ukunika ingqwakasela kwakunye namandla, uMasipala waseDrakensteinuzakuqinisekisaukuba iimfunonemicelimngeni yabantubaseDrakensteinziyafezekiswa ngokukhawuleza okukhulu. Le yeyonanto ibalulekileyo kumbono wethu wango 2032. Ukwamnkela uluntu lwethu luthabathe inxaxheba kwezophuhliso, ukuqinisekisa ukuba iinjongo kunye neemfuneko ziyafezekiswa kwaye zikumgangatho ophezulu.
Made with FlippingBook - Online Brochure Maker