Success-Booklet-Xhosa-2021

ULAWULO OLULUNGILEYO NAMABHASO

ULAWULO OLULULO NEEMBASA UMasipala waseDrakenstein wenza uzinzo lokusebenzisa inkcubeko ngolawulo olululo kwakunye nelokuphendula ngokweemfuno zoluntu. Ngokuthi gqolo elandela kwaye ebambelele kumthetho omiselweyo nemimiselo yokusetyenziswa kwezimali, siphumelele uphicotho zincwadi olungenamakhwiniba izihlandlo ezi-12 zilandelelana ukususela ngo 2011, nalapho amatyeli amathandathu kulo lwalusulungekile.

NGOYENA MASIPALA USEMGANGATHWENI NGOKWEZEZIMALI EMZANTSI AFRIKA

Unondyebo kaZwelonke kwiNtetho yakhe yezeZimali yoRhulumente woMmandla

kwakunye noLawulo lwezeZimali sukela ngomhla wama 30 Juni 2018 wanika ingxelo yokuba umasipala waseDrakenstein uchazwe njeNgoyena uNkqenkqeza Phambili ngokwezeZimali eMzantsi Afrika nakwiNtshona Koloni.

Le ngxelo ivavanya ezezimali kooasipala belizwe ngokohlelo ngokodidi olumisiweyo noluquka: imali ezinkozo njengomyinge wenkcitho yokwenziwa kwemisebenzi; ukuthi gqolo kweentsilelo ngendlela engafanelekanga kwiintsalela zemali kwakunye nenkcitho engaphaya negqithisileyo kuqingqo- mali olungiselelwe ukwenziwa kwemisebenzi.

UPHICOTHO OLUCOCEKILEYO

NGOYENA MASIPALA WAFUMANA IMBASA YOKUBA LUHLAZA NGO 2019 Ukuqonda ngokusingqongileyo kwisixeko esikhathalele indalo kwakunye nesizukulwana sexesha elizayo, umasipala waseDrakenstein uququzelela utshintsho lolawulo oluzinzileyo omalwenziwe. Ngo 2019 uMasipala waseDrakenstein wahamba nembasa yokuba ngowona masipala uluhlaza yaka kwiNtshona Kapa ngokungaguquguqukiyo ivelisa iindlela zokwenziwa kwemisebenzi ngengqiqo yokugcina oku. Kananjalo iphumelele iimbasa njengowona masipala uphucuke kakhulu kuTshintsho lweMozulu, nanjeNgoyena Masipala uPhucuke Kakhulu kuLawulo lweNkukuma.

Made with FlippingBook - Online Brochure Maker