VARS NOV 2022

UCeba Xhego Uxhasa Isimo Esicocekileyo KwiWodi 16 Uceba wewodi kwiWodi 16 loMasipala waseDrakenstein nguZamikhaya Xhego, umntu wabantu, inkokheli yoluntu kunye netshantliziyo elinamava ozibandakanye nezopolitiko isithuba seminyaka engama-28. UCeba Xhego nguceba we-African National Congress. Yinzalelwane nokhulele eMpuma Koloni, yaye udlale indima kwimibutho eyahlukeneyo yoluntu ezamela ukuphucula iimeko zokuphila zabantu. Kuthando oluvuthayo lwakhe lwendalo uCeba Xhego uthabathe inxaxheba kwiiprojekti zikaMasipala zococeko nokugcina kuluhlaza isithuba seminyaka ngoku esibhozo, yaye unkqenkqeza phambili kwinzame zokubhangisa ukulahlwa kwenkunkuma okungekho mthethweni. Wenze umsebenzi obonakalayo njengentloko yezokhuseleko xa ummandla (iprojekti) weDrommedaris wasekwayo ePaarl. Uceba wayengumphathi (ikapteni) weqela lebhola ekhatywayo iMark Stars ngowama-1994, yaye unothando lwemidlalo olubaleka kwimithambo yakhe.

Uceba weWodi 16 usebenze ubukhulu bexesha lakhe kwi-ANC kwiKomiti yeSigqeba seSebe (BEC) apho azibandakanye ngamandla kwimisebenzi yeqela. Unobudlelwane obu- zinzileyo kunye namalungu ekomiti yewodi, yaye bekunye bathanda ukwenza umahluko ze banike ingqwalasela kwimicimbi kamasipala exhalabisa iwodi labo kunye nabahlali balo. IWodi 16 lisePaarl yaye malunga nabemi abangama-9 000 balibiza njengekhaya. Imida yalo iqukanisa iDrommedaris, iLangabuya, iZone 14, i-Unathi, kunye neProject 2, ngokunjalo nemimandla yamatyotyombe emithathu eyile ingingqi yoMmandla waMatyotyombe wase-Unathi, iDrommedaris Road kunye neRail Road. Iwodi lizingca ngeenkonzo ezingekho ngaphantsi kwe-14, ikitshi lesuphu elibhalisiweyo, amaziko amane oPhuhliso loBuntwana kwaNgethuba (ECD), kunye neSikolo seSekondari Ihlumelo. Imingeni ejamelene neli wodi ibandakanya izindlu, ucoceko nokulahlwa kwenkunkuma okungekho mthethweni. UCeba Xhego uthi usebenza nzima ukuyila isimo esingcono nesicocekileyo ukulungiselela abahlali babo. “Isicwangciso sam seminyaka emihlanu kukubhangisa intswela-ngqesho, ulwaphulo- mthetho nokulahlwa kwenkunkuma okungekho mthethweni. Ndiyakholelwa okokuba onke amasebe karhulumente kufuneka asebenzisane ukwenza umahluko kwiingingqi zoluntu lwethu.” Ukuqhagamshelana noCeba Xhego okanye nawuphi na omnye uceba kaMasipala waseDrakenstein, cofa apha.cofa apha.

33

VARS | November

Made with FlippingBook - Online Brochure Maker