VARS APRIL 2023

Umnqophiso wayo kukuzibophelela ekunikezeleni ngeenkonzo zokhuseleko ezithembekileyo, ezilondoloza iindleko nezijolise kumxhamli wenkonzo ngawo onke amaxesha. Ukufezekisa oku, ikhetha oonogada bokhuseleko abanekhono ethi ngoko ibaqeqeshe ze ibagcineleukuba banikezele ngeenkonzo ezilungileyo kubo bonke abaxhamli bayo. Iinqobo eziphambili ze-Izwelethu zijolise ekuphatheni abaxhamli benkonzo ngesidima nangentlonipho; zibonise ukuthembeka nokuzinikela; zihambelane nemigangatho ezikumgangatho ophezulu; ngokunjalo nokugcina iimfuno ezisemthethweni ze Private Security Industry Regulatory Authority (PSIRA) kunye nomthetho wesizwe. Ngaphezulu, zinikela ngenkonzo equlathe konke kubaxhamli babo benkonzo, kunokuba zisebenze njengesithinteli. Ngokusetyenziswa kweempawu zokuqala, ukunikezela ingqwalasela, kunye nenkonzo epheleleyo yomxhamli, ifuna ukwangezelela ixabiso kwiinkampani zabaxhamli bazo. yobuchule yokuziphatha; zinikezele ngeenkonzo kubaxhzmli benkonzo Emva kweminyaka yokucwangcisa nokukhuliswa kwamava alungileyo, Izwelethu, iseke kutshanje i-Izwelethu Protection and Training Academy enikezela ngoqeqesho nakuye nawuphi na umntu othanda ukuzibandakanya nokhuseleko.

I-Academy inikezelela ngezifundo ezibanzi ezikhethiweyo zokhuseleko, ezisusela kwiGreyidi E ukuya kwiGreyidi A, ze bakuba bezigqibe ngempumelelo, abaqeqeshwa banikezelwa izatifikethi zePSIRA. Inkqubo yoqeqesho ingxininisa kuphuhliso lwezakhono, ibandakanya indlela yokuziphatha, ukongamela indlela yokucinga. Abaqeqeshwa bafundiswa ukuba basebenze njengabathibazi, babe nokubona izenzo ezirhanisayo, nokunika ingxelo ngezehlo xa kukho imfuneko. Uqeqesho oluhlangeneyo lokhuseleko lujolise ekuxhobiseni abaqeqeshwa ngezakhono ezuyimfuneko ukube babe nokwenza imisebenzi yabo ngokufanelekileyo. Ukwenza isicelo sesifundo, kufuneka ube nencwadi yesazisi yaseMzantsi Afrika, ungabinayo imbali yokubandakanyeka kulwaphulo-mthetho ecaleni kwegama lakho. Izwelethu idlala indima ebalulekileyo ekuveliseni amathuba engqesho eDrakenstein ngokuqesha oonogada bokhuseleko ababhalisiweyo kwiPRISA nabafundisi bethutyana. Uninizi lwaba bafundisi bebengaqeshwanga ngaphambili isithuba eside, yaye ingqesho yabo e-Izwelethu ibanikezela ngeendlela zokuxhasa iintsapho zabo. Ngokubonelela ngamathuba engqesho kubemi bengingqi, Izwelethu iyanikela kuphuhliso loqoqosho lweDrakenstein. Izwelethu izama ukunikela ngakumbi kummandla waseDrakenstein, xa kuthe kwavela ithuba lokwenza njalo, yaye yenza ubuncinane enakho ukubenza ukunceda kumlo wolwaphulo-mthetho eMzantsi Afrika.

Ngamazwi e-Izwelethu, “Ukhuselo alusiso isiphumo; yinkqubo.”

Qhagamshelana ne-Izwelethu Security Projects kule nombolo 021 872 0486 ; 071 173 0466 ; okanye 073 179 8472 .

11

VARS | April

Made with FlippingBook - PDF hosting