VARS APRIL 2023

Kwisithuba seenyanga ezimbalwa ezidlulileyo, icandelo loPhuhliso lweNtlalo loMasipala waseDrakenstein lisingethe ucweyo lolwazi olusekwe kwisini (GBV) oluqhutywa yintsebenziswano nesisombululo kuwo onke amawodi. Ezi ntlanganiso ziynxalenye yephulo eliqhubekayo likaMasipala le-365 Days of Activism against GBV. UMasipala uyichase kakhulu iGBV, yaye eli phulo lijolise ekuphakamiseni iqondo lolwazi lwempembelelo embi obuthi ubundlobongela nokuxhatshazwa kube nako kumanina, abantwana nakuluntu lwethu ngokubanzi. Ucweyo lolwazi luxhibe ekufumaneni izisombululo ezisebenzayo nokwazisa uluntu ngeendlela zokulwa iGBV. Ezinye izihloko ezithi zixoxwe zezi, phakathi kwezinye izinto, yimilinganiselo enyukayo yentswela ngqesho, impembelelo embi yokusetyenziswa gwenxa kweziyobisi notywala, kunye neendlela zokufundiswa kolutsha ukunqamla umjikelo wobundlobongela ojoliswe kumalungu oluntu olusesichengeni.

IPhulo loLwazi lweGBV liQhutywa yiNtsebenziswano nesiSombululo

Amathuba amaninzi alolu hlobo acwangciselwe isiqingatha esiseleyo sonyaka. Ukuba unayo nayiphi na imibuzo, qhagamsehelana noGeduld Veldsman kule dilesi Geduld.Veldsman@drakenstein.gov.za okanye kule nombolo 021 807 4582.

22

VARS | April

Made with FlippingBook - PDF hosting