VARS_SEPTEMBER 2023

kweenkonzo kwiintlanganiso zethu zoluntu – yaye ukuba kukho umba ongxamisekileyo, sibiza iintlanganiso zommandla ukuba zijongane nezo ngxaki,” ucacisa atsho. “Siqalisa iqela lokugada ukhuseleko loluntu elijolise kubantu baseCarterville, yaye sifuna ukubandakanya wonke ubani kolu luntu ukuba alwe namaqela oonqevu. Sikwancedisana nolutsha kuphuhliso lwezakhono,” utshilo uKhansila Mooi. “Kule wadi sibakhathalele ababuthathaka. Ngoko ke sidla ngokuba neentlanganiso nabantu bethu abaphila nenkubazeko.

Oku kusinceda ukuba siyiqonde imingeni abajamelene nayo size sibone ukuba singabancedisa njani. Sele sizisebenzisile iimali zeeprojekthi zeewadi zethu ukunika izitulo ezinamavili kwabo bazidingayo. “Thina, njengekomiti yewadi, sisoloko silubeka phambili uluntu lwethu. Sijonge ukubanceda ngentlonipho kwanokuqinisekisa ngonxibelelwano olululo ngokugcina wonke umntu enolwazi ngemiba enxulumene newadi,” uphinde watsho.

Abahlali bangaxela imiba yokungahanjiswa

Njengangoku, uKhansila Mooi ukwithuba lakhe lokuqala esebenzela uMasipala waseDrakenstein. IKomiti kaWadi 5 inyulwe luluntu ngo2022. Okwangoku, alishumi amalungu akhotyo nasebenza kwiipotifoliyo zawo, nangala:

• UNtombizini Soga: Izibane zezitalato noMbane • USaziso Ntsali: Iindawo eziVulelekileyo neePaka • USiphe Ngcobondwana: UPhuhliso loLuntu • UThulani Mahlabela: Amanzi emiBhobho neeNdlela • UMoses Pienaar: EzemiDlalo, ubuGcisa neNkcubeko • UNokuthula Abraham: EzaManzi noGutyulo • UEveline Pietersen: UkuThuthwa kweNkukuma nokuLahlwa kweNkukuma okuNgekho Mthethweni • ULuthando Ntese: Iindawo zamatyotyombe neRenti • UAsanda Mzamo: AmaShishini, amaNcinci, aPhakathi kunye nasaKhasayo (iiSMME) kweenkonzo ezingangxamisekanga – ezifana nokulahlwa ngokungekho mthethweni kwenkukuma, Ingca ekhule ngokugqithisileyo, imingxuma esendleleni kunye nezibane zezitalato ezifuna ukulungiswa – ezo zinto bangazixela kwiApp ye SeeClickFix kaMasipala; ngokuthumela i-imeyile apha customercare@drakenstein.gov.za ; okanye ngokuqhagamshelana ngenombolo engahlawulelwayo kaMasipala engu 080 131 3553 . Ukuqhagamshelana noKhansila Mooyi okanye nawuphi omnye ukhansila wewadi woMasipala waseDrakenstein, cofa apha .

VARS | September

29

Made with FlippingBook Ebook Creator