VARS_SEPTEMBER 2023

Ngemva (ukusuka ngasekhohlo) Saziso Ntsali, uKhansila Thobani Mooi, noMoses Pienaar Phambili (ukusuka ngasekhohlo) Eveline Pietersen, Glenton Sonamzi noNoncedo Betana (iGosa loPhuhliso loLuntu loRhulumente weNtshona Koloni)

IKomiti Ezimiseleyo YakwaWadi 5 Iza Notshintsho Kuluntu lwayo

Xa sijonga ubuninzi beendawo zamatyotyombe, uWadi 5 ulwa nezinga eliphezulu leengozi zemililo eziqhambuka umhla nezolo. UKhansila Mooi ucacisa ukuba eminye imingeni ephambili kule wadi iquka ukunqongophala kwezindlu, ukwebiwa kweentambo zombane, amaqela oonqevu, intswelangqesho, kunye nokulahlwa kwenkukuma ngokungekho mthethweni. “Sixoxa malunga nemiba yokuhanjiswa

UWadi 5, okhokhelwa nguKhansila Thobani Mooi, uxhaswa liqela lamalungu ekomiti yewadi alukhathalele nyani uluntu lwayo. Le wadi inabahlali abathetha iilwimi ezahlukileyo – kuquka isiXhosa, isiNgesi nesibhulu – yaye inoluntu olupheleleyo olumalunga nabahlali abangama9 000. ICarterville, iOR Tambo neNew Rest zenza inxalenye kaWadi 5. Kwakule wadi kuthe zinzi iHolo iColibri, apho imicimbi nemisitho yoluntu yenzelwa khona, kuquka ne NorSA Community Care Centre .

VARS | September

28

Made with FlippingBook Ebook Creator