VARS MAY 2023

Ukuvulwa kweNkundla kaMasipala waseDrakenstein ePaarl ngowoku1 kuDisemba 2022 kuye kwavula indlela yokuba uMasipala waseDrakenstein uqale ngokusesikweni ukutshutshisa abanini bezakhiwo ezingekho mgangathweni, ezingumbono ombi kule ndawo. Ezi ndawo azipheleli nje ekutshabhiseni le ndawo zikwathintela notyalomali, uphuhliso nokhenketho obelunokwenziwa kusiziwa kule ndawo, koko azikhuselekanga yaye zingumbono ombi kuluntu namashishini endawo. Xa kungoku kuqhutywa amatyala angama42 kusetyenziswa uMthetho kaMasipala omalunga neendawo eziyiNgxaki walo Masipala. INkundla kaMasipala sele igwebele uMasipala kwityala elinye ukususela ngoDisemba, ngelixa amatyala ali10 aye asonjululwa ngaphandle kokuya enkundleni. Ezi propati zisusela kwezabucala ukuya kwezamashishini axhaswa ngurhulumente. Uhlobo lomba oyingxaki oxelwe kwiNkundla kaMasipala waseDrakenstein ususela kwizakhiwo ezidinga ukulungiswa, ukuya kwizakhiwo ezingahoywanga ezidinga ukulungiswa kweendonga zezakhiwo, okanye ezo ziyingozi kubomi babantu nezifuna ukudilizwa. “Siyakwamkela ukuvulwa kwale Nkundla kaMasipala nanjengoko kuvumela uMasipala ukuba ulandele iinkqubo zomthetho ukutshutshisa abophuli bemithetho ngemithetho kamasipala,” utshilo uAlderman Conrad Poole, uSodolophu woMasipala waseDrakenstein. “Omnye waloo mithetho yethu kamasipala nguMthetho kaMasipala ka2020 omalunga neeNdawo eziyiNgxaki, nongene endaweni yalowo urhoxisiweyo

obunguMthetho kaMasipala ka2012 weeNdawo eziyiNgxaki, yaye usenza sikwazi ukujongana nembonakalo kunye nokhuseleko kwesakhiwo okanye ipropati.” UMasipala uqala ngokunika umnini wendawo ithuba lokulungisa le miba phambi kokuba uyibhengeze ngokusesikweni njengendawo iyingxaki - ngokumazisa ngokusesikweni umnini wendawo malunga nenjongo kamasipala yokuyibhengeza loo propati. Emva koku umnini unethuba elithile lokuxoxa noMasipala abonise ukuba umba lowo uyingxaki uya kusingathwa okanye ulungiswe nini. Xa umnini engezi kuxoxa noMasipala, uMasiapla akanayo enye indlela ngaphandle kokuba amthumelele ngokusesikweni esinye isaziso aze abhengeze loo propati njengendawo eyingxaki. Emva koko, loo mba uyingxaki usiwa kuMtshutshisi kuze kulandelwe umthetho ukufezekisa ukulandelwa kweso saziso sikhutshwe ngokusesikweni. UMasipala waseDrakenstein ukhuthaza amalungu oluntu ukuba axele izakhiwo eziyingxaki kuMasiapla kule namba ingahlawulelwayo: 080 131 3553 okanye luthumele i-imeyile apha customercare@drakenstein.gov.za . Lunakho nokuxela imiba ngokusebenzisa iApp kaMasipala eyiSeeClickFix. Tyelela apha Drakenstein - SeeClickFix okanye uyidawunlowude apha le App:

iOS: https://apps.apple.com/us/app/ seeclickfix/id322000552

Android: https://bit.ly/3q12rGc

25

VARS | May

Made with FlippingBook Digital Proposal Creator