VARS MAY 2023

IDrakenstein izifumanela indawo kuluntu lorhwebo olunobulungisa ehlabathini

Wonke umntu uthetha ngorhwebo olunobulungisa, kodwa siyalwazi ukuba luyintoni na kanye nokuba lufuna ukufezekisa ntoni? Injongo icacile – ukubuyisela ulingano kushishino. URhwebo olunoBulungisa lufuna ukunciphisa umonakalo odalwe ngamashishini amakhulu afuna ukwenza inzuzo kuphela, nadla ngokuyenza ngokuxhaphaza abasebenzi kunye nemvelo. URhwebo olunoBuLungisa lusebenzela ukwakha imizekelo yamashishini azinzileyo abeka phambili abantu neplanethi kuneenzuzo.

olunobulungisa nefuna ukuqinisekisa ukuba abavelisi bamazwe asakhulayo bafumana amaxabiso anobulungisa ngeemveliso zawo. Ukuze uthathelwe ingqalelo njengesiXeko soRhwebo olunoBulungisa, kufuneka umasipala okanye isixeko sifezekise imiba ethile yaye sibonise ukuzibophelela kwaso ekukhuthazeni imimiselo yorhwebo olunobulungisa nekwaxhasa iimveliso zorhwebo olunobulungisa kuluntu lwendawo. “Ngowama30 Epreli 2021, kuye kwalontshwa isiXeko saseDrakenstein soRhwebo olunoBulungisa (iFair Trade City of Drakenstein) kusetyenziswana neWorld Fair Trade Organization. Oku kuthetha ukuba uMasipala uxhasa impahla eziveliswa kusetyenziswa izenzo zokuphatha abasebenzi ngobulungisa kunye neenkqubo zokuvelisa ezingayilimaziyo imvelo. UMasipala uxhasa iimpahla eziveliswa ngendlela ekhathalela imvelo, ezinzileyo neziveliswa apha kule ndawo,” utsho uAlderman Conrad Poole, uSodolophu woMasipala waseDrakenstein.

IDrakenstein – ilivulandela

Kwiminyaka emithathu edlulileyo, uMasipala waseDrakenstein uye wavula indlela yokunceda nokukhusela uluntu lwawo. Ibe sisiXeko soRhwebo olunoBulungisa sokuqala eMzantsi Afrika, nesesine eAfrika. IsiXeko soRhebo olunoBulungisa yindawo enikwe yiFair Trade Foundation, eliziko lehlabathi elikhuthaza izenzo zorhwebo

28

VARS | May

Made with FlippingBook Digital Proposal Creator