VARS MAY 2023

USuku lweHlabathi loRhwebo olunoBulungisa luka2023 USuku lweHlabathi loRhwebo olunoBulungisa yimibhiyozo yehlabathi eba ngoMgqibelo wesibini kaMeyi, yaye kulo nyaka lungomhla we13 Meyi. Yaye, njengoko sele kusisiqhelo, uMasipala waseDrakenstein uqinisa kwakhona ubume bakhe njengomkhankaseli wozinzo kuwo onke amanqanaba. UmCimbi woBambiswano loSuku loRhwebo olunoBulungisa uza kusingathwa ngomhla wama27 Meyi 2023 eDe Poort, ePaarl, ukususela ngeye14:00 ukuya ngeye22:00. Olu suku lubekelwe ukubonisa uluntu ushishino olunobulungisa oluneziqinisekiso, oluzinzileyo kunye nabavelisi bendawo. Okungaphezulu kukuba abathengisi nabathengi baya kufumana ithuba lokudibana ngelixa iintsapho zonwabele amava olonwabo lwaphandle olukhatshwa yiwayini nokutya. Lo mcimbi uza kugxila nasekukhuthazeni isiqhelo sozinzo, ukuqondwa kwexabiso lokuthenga iimpahla eziveliswe ngobulungisa, kule ndawo nangozinzo kunye nokwabelana ngolwazi. Ngokuxhasa iphulo loRhwebo olunoBulungisa loMasipala waseDrakenstein, uza nesiqalo sokuxhasa uphuhliso oluzinzileyo lwesixeko sethu. Xa unemibuzo, thumela i-imeyile apha fairtrade@drakenstein.gov.za okanye uqhagamshelane nathi apha 021 807 7790 .

“Siyazingca ngokuzibandakanya noluntu lwehlabathi oluxhasa urhwebo olungalungelanga nje imvelo, koko noluzibophelela kwiimeko zokusebenza ezinesidima kunye nomvuzo onobulungisa kumafama nabasebenzi bethu.” Ngaphezu kwalo mgangatho wawo woRhwebo olunoBulungisa, lo masipala unoBambiswano oluluqilima lweMozulu noZinzo oluphakathi kwawo nesiXeko soRhwebo olunoBulungisa saseNeumarkt, eJamani. Olu bambiswano luze noluhlu lweeprojekthi zeziqalo ezitsha ezikhathalela imvelo nezinozinzo nesele sifezekisiwe, zinceda uluntu lwethu.

Luza kuzuza ntoni uluntu lwethu ngalo mgangatho wesiXeko soRhwebo olunoBulungisa?

Ukwakha uluntu olunolwazi malunga nempilo;

Ukudala iimeko zokusebenza ezingcono zabasebenzi; Ukunika amathuba okuzazisa kumashishini amancinane azinzileyo endawo asebenzela eDrakenstein; Ukusebenzisa amaphulo ukuza nofikelelo kumathuba kunye noshishino;

Ukunika izakhono zophuhliso kumashishini ukwenzela ukuqinisekisa uzinzo;

Ukukhulisa uluntu oluyihloniphayo imvelo; kunye

Nokwakha uluntu ululiqondayo ixabiso lweengxoxo oluzenza ethilini kuqeqesho lwendawo.

29

VARS | May

Made with FlippingBook Digital Proposal Creator