VARS NOVEMBER 2023

Phambi kwexesha leziyunguma, uMasipala waseDrakenstein uthanda ukukhumbuza abahlali ukuba akukho semthethweni nje ukuqhumisa iziqhushumbisi kwindawo kaMasipala wethu, koko kuyingozi ebantwini nakwizilwanyana. Ngo-2020, iBhunga likaMasipala waseDrakenstein lavuma ukuvalwa kokukhutshwa kweziqhushumbisi kwindawo kamasipala, ngaphandle kwemisitho evunywe kwangaphambili. Oku kulandela iminxeba yabahlali, imibutho yentlalontle yezilwanyana, kunye necandelo loshishino lokuba uMasipala ahlole imeko yakhe malunga nokuvalwa kokusetyenziswa kweziqhushumbisi. UMasipala wathathela ingqalelo umngcipheko wokwenzakala emzimbeni, ukwenzakala okumandundu okanye unxunguphalo ebantwaneni, abantu abadala kunye nezilwanyana, kunye nemingcipheko yokusingqongileyo nakwicandelo lezoshishino. Iifireworks ezigwenxa azinakwenza kuphela ukonzakala okubi kakhulu okanye okubi ngakumbi, kodwa zinokuchaphazela umonakalo wendalo okanye weziseko ezingundoqo ngemililo. Izilwanyana zonzakele ngenxa yesandi esikhulu soqhushumbo esenziwa ngumlilo. Kwiminyaka engaphambili bekukho iziganeko apho izilwanyana zatsiba ngeefestile zeglasi zibaleka ezo ngxolo zitsho zaza zonzakala. NgokweCandelo 30 loMthetho weziqhushumbisi ka-1956, ukusetyenziswa okanye ukudutyulwa kwaso nasiphi na isiqhushumbisi kuso nasiphi na isakhiwo kunye nendlela ecanda phakathi koluntu luxanduva lokugwetyelwa isohlwayo. Ukuthengisa iziqhushumbisi kumntwana ongaphantsi kweminyaka eli-16 nokuvumela

umntwana ongaphantsi kweminyaka eli-16 ukuba enze iziqhushumbisi ngaphandle kweliso lomntu omdala uya kuhlawuliswa isohlwayo. Nawuphi na umntu owaphula imiqathango yalo mthetho kamasipala uyakuba noxanduva lokugwetywa ifayini engadlulanga kwi-R1 000 okanye entolongweni engadlulanga kwiinyanga ezintandathu. Icandelo lethu loNyanzeliso loMthetho, likunye neNkonzo yesiPolisa yaseMzantsi Afrika (i-SAPS), liza kuqhubeka liqhuba uhlolo kunye nokuthimba iziqhushumbisi ezingekho mthethweni ngeli xesha leeholide ezizayo. Kwinyanga ephelileyo, kuthathwe inani elikhulu leziqhushumbisi ezingekho mthethweni kwivenkile yaseWellington. Abahlali banokuxela ukuthengiswa okungekho mthethweni kunye nokudutyulwa kweziqhushumbisi kwabezoMthetho kule nombolo 021 807 8508 (iiyure zonke) .

Follow us

@drakensteinmunicipality

@DrakensteinMunicipality

25

VARS | November

Made with FlippingBook - PDF hosting