VARS NOVEMBER 2023

Amalungu eKomiti YeWadi 9 Anenkathalo, Anemfesane Kwaye Asendleleni!

UCeba uLuvuyo Bolani ukhokele ikomiti yeWadi 9, equlathe iqela lamalungu anenkathalo novelwano umntu ngamnye akhonza uluntu ngentlonipho. Iwadi 9 izinze eMbekweni kwaye inabahlali abamalunga nama-9 000. Likhaya kwiZikolo zamabanga aphantsi iLangabuya kunye neDesmond Tutu Secondary School, iKliniki yasePhola Park, iHolo yoLuntu eMbekweni, kunye neZiko laseMbekweni iThusong. Ngelixa uWadi 9 ejongene nemingeni efana nokunqongophala kwezindlu, ukubiwa kweekheyibhile, ubugebengu, intswela- ngqesho, kunye nokulahlwa kwenkunkuma ngokungekho mthethweni, iKomiti yeWadi yayo ikulungele kwaye izimisele ukunceda naphina apho inokunceda khona. “NjengeKomiti yeWadi, sisoloko sibeka uluntu lwethu kunye neemfuno zabo kwindawo yokuqala. Injongo yethu kukuqinisekisa ukuba wonke umntu uyahlaziywa ngemiba enxulumene neewadi,” utshilo uCeba Bolani. “Sineqela likaWhatsApp apho sixoxa ngeengxaki zokuhanjiswa kweenkonzo

nemiba engxamisekileyo yeewadi.” Uthi basoloko behamba ngeeprojekthi ezininzi zeewadi ezahlukeneyo, ezifana nokuqhuba amakhitshi esuphu, ukuququzelela iphulo lokuthunga, nokuncedisana nabadala kunye nemibutho engekho phantsi korhulumente (NGOs). IKomiti yeWadi 9 ikwancedisa iklabhu yebhola ekhatywayo yasekuhlaleni, iBatalion FC, ngenkxaso-mali nezixhobo, kwaye inceda iMbekweni Boland Rugby Veterans ngenkxaso-mali yokuphuhlisa umbhoxo eMbekweni. Uceba uBolani uzingca ngokukodwa ngenkxaso yale wadi kwiMbekweni’s Kuyasa Elderly Centre , esebenza njengekhaya lesibini kubadala basekuhlaleni ingakumbi emini xa iintsapho zabo zingekho. Apha, abantu abadla umhlala-phantsi baqokelelana ukusuka ngoMvulo ukuya ngooLwezihlanu besenza imisebenzi yolonwabo kunye nobuqabane. UCeba uBolani ngoku usebenza kwisigaba sakhe sesibini kuMasipala waseDrakenstein.

NjengeKomiti yeWadi, sisoloko sibeka uluntu lwethu kunye neemfuno zabo kwindawo yokuqala. Injongo yethu kukuqinisekisa ukuba wonke umntu uyahlaziywa ngemiba enxulumene neewadi. „

32

VARS | November

Made with FlippingBook - PDF hosting