VARS FEB 2023

Amaziko ezithuthi aseDrakenstein kunye neNkundla kaMasipala asebenza ngaphandle kokuhlawulwa ngemali ezinkozo ngenxa yokubekwa phambili kokhuselo

Ukususela ekuqalekeni kowama-2023, amalungu oluntu ayacelwa okokuba ahlawule ngamakhadi awo ebhanka kumaziko ezithuthi zoMasipala wase - Drakenstein nakwiNkundla entsha kaMasipala. Ngezizathu zokhuselo, imali ezinkozo ayisamkelekanga njengentlawulo. UMasipala uthabathe eli nyathelo ukwenzela ukuqinisekisa ngokhuselo lwabasebenzi bakhe kunye nesakhiwo, njengoko amagosa kunye nee-ofisi eziphatha imali zisoloko amaxesha amaninzi ziba ngamaxhoba abajolise kuzo abaphangi namasela.

La malungiselo matsha asebenza kumaziko alandelayo:

• I-Daljosaphat Driving License and Testing Centre, Edison Street, Paarl • IiNkonzo zeZithuthi, Berg River Boulevard, Paarl • ISebe leZithuthi eWellington, Pentz Street, Wellington

• I-Wellington Vehicle Licensing, Civic Centre, Pentz Street, Wellington • INkundla kaMasipala, 60 Breda Street, Paarl Ukuqinisekisa ngento yokokuba la maziko asoloko esebenza nangexesha lokucinywa kombane kuphungulwa umthwalo wokusetyen - ziswa luka-Eskom, uMasipala ufake iijeneretha kwiziko ngalinye. Apho ukucinywa kombane kusachaphazela iintengiselwano ze-elektroniki, amalungu oluntu aya kuthi okwethutyana abe nakho ukuhlawula la maziko ngemali ezinkozo de kube kufakwe ijeneretha.

UMasipala ubulela uluntu ngentsebenziswano yalo.

14

VARS | February

Made with FlippingBook Online newsletter maker