VARS NOV 2022

“Njengesihloko sebhaso sisithi, libhaso elilodwa elilungiselelwe ukulondolozwa kwebhayodayivesiti kwiNtaba yasePaarl yaye ngumqondiso wokuxatyiswa komsebenzi wolondolozo lwendalo esiwenzayo ngokubanzi. Asilulo ukhuphiswano apho abakhuphisanayo belungenela; ngabanini bepropati kuphela abaneendawo zobugosa kwiinkcukacha ezikwikhompyutha zeCapeNature abathi banikwe ingqalelo ngomsebenzi wabo olungileyo ofana nokulawula izityalo ezingaqhelekanga, ukuvuselelwa kwekwezinto eziphilayo, kunye neentlobo zeeprojekti zolondolozo. “Ngoko, akukho kunikwa kwaluvo. Abasebenzi abagqwesileyo bachongwa ngokusetyenziswa kophicotho lwangaphakathi lweendawo zobugosa. Sisebenze ngcono kakhulu kunangaphambili ngokuhambelana nemimandla ekhuselweyo yolondolozo.” kwisithuba seminyaka emininzi ukufumana ukubhengezwa kwePaarl Mountain Reserve. Uchaphazele kuphelaicandelo lethu iWitzenberg Landscape Unit Off-Reserve leCapeNature kunye no-Arnelle Collisin ilungu lekomiti yeBhodi yeNgcebiso yePaarl Mountain ngendima yabo kwinkqubo yobugosa. UCollison uthe: “ICapeNature iyazingca ngokunika ingqwalasela kubo bonke abanini bomhlaba ngomnikelo wabo oncomekayo obhekiselele kulondolozo lwebhaydayivesiti kwiNtshona Koloni. IPaarl Mountain ikhusela ezinye zendalo ezinqabileyo ezahlukeneyo, ezenkcubeko nezembali ezibalelwa kummandla. Intaba ingcwele kulo lonke uluntu oluyingqon- gileyo, ngezizathu ezininzi; ngoko, ukuyikhusela kuhlala kubalulekile.” Ukunikwa igqwalasela njengoMasipala ongoyena uluHlaza eNtshona Koloni ngowama-2019, iDrakenstein yeyokuqala ngokunjalo kwiSub-Saharan esesikweni yeFair Trade City. ULewis uthe kukho abathabathi nxaxheba abaninzi abathe banikela

besebenze nzima yaye iiyure ezininzi. Libhaso eli lokuzincama kwalo kunye nomgangatho ophezulu elithe lawubeka. Sithamsanqelekile ukuba nobuchule obulolu hlobo kumasipala wethu, yaye sinika ingqinisekiso into yokwazi okokuba le bhakane ihloniphekileyo yase- Drakenstein isezandleni ezilunge ngolu hlobo.” ULindsay Lewis, uMlondolozi weNdalo kuMasipala, uwuzimasile umsitho obuseBridge House School eFranschoek ze wamkela ibhaso egameni loMasipala waseDrakendtein. Uchaze isizathu sokokuba uMasipala ahlonitshwe.

25

VARS | November

Made with FlippingBook - Online Brochure Maker