VARS MARCH 2023

IJenereyitha: Omawukwenze kunye Nomawungakwenz Bulala Iingcinga EziBuhlungu zikaCimi-Cimi Indlela Ekhuselekileyo Nebelezelayo lo-mali

• Nayiphi ijenereyitha eza kuqhagamshelwa kwiziko lombane (electrical grid) kufuneka ifakelwe lichule eliqeqeshiweyo nelinamaphepha okukwenza oko . Oku kufakelwa kuhambelana nokwaziwa njengoSANS 10142 (kwanokwaziwa njengeKhowudi yokuSebenza ngokuFakela iiNtambo zoMbane kwizaKhiwo yaye kufuneka isiqinisekiso sokukuvumela oko (COC). Esi siqinisekiso saziwa njengeCOC sinokukhutshwa kuphela emva kokwamkelwa nokuvunywa okuvela kuMasipala kuthe kwabonelelwa, kwakhona nasemva kokuba kuye kwahlolwa ngamagosa achaphazelekayo naphathelene noko kaMasipala eCandelo likaMasipala leeNkonzo zobuChwephesha kwezoMbane. • Ukusebenza nokusetyenziswa kwazo zonke iijenereyitha, oku kubandakanya iijenereyitha kwiindawo zokuhlala, kufuneka zihambelane neMigaqo yonyaka wama2013 yeNtshona Koloni yoLawulo lweNgxolo. Le migaqo imisela ingxolo eyamkelekileyo yaphandle ekumda wesakhiwo kwimimandla ngemimandla eyahlukeneyo oku kubandakanya izithili zemizi-mveliso, yezorhwebo, yedolophu, yedolophana kwakunye nezithili zasemaphandleni. Ukuba ijenereyitha yakho yenza ingxolo engaphezulu kwindawo yokuhlala yommelwane wakho, uya kuba wenza ingxolo ephithikezayo ngokwenza oko waphula imigaqo yeNtshona Koloni yoLawulo lweNgxolo. Ukuba ufakela ijenereyitha yakho wabe usaphula lemi gaqo, uMasipala unakho ukukuyalela ukuba uyisuse/uyikhupha ijenereyitha yakho, oko ukwenza ngeendleko zakho.

Okokoko ukucima kombane (ucimi-cimi) kwa- Eskom kwaba yinto yemihla nezolo eMzantsi Afrika, amashishini asekuhlaleni kwakunye nabahlali bagqiba ekubeni bazilungiselele umphako wee-jenereyitha ukusombulula le ngxaki yokucima kombane. UMasipala waseDrakenstein ufuna ukukhumbuza uluntu lwethu ukuba kukho imigaqo nemithetho kamasipala eyahlukeneyo ngezizathu ezizizo nezilungileyo. Xa ukufakelwa kusenziwa ngaphandle kobuchule nesakhono – okanye ngaphandle kweplani/kokucwangcisa okwaneleyo kwakunye nengcamango ngokuphathelele kokusingqongileyo – iijenereyitha zinokubanakho ukungakhuseleki yaye zingxole, kangangokuba zibe yimbangi yongcoliseko oluyingozi- andisathethi ke ngokungonwabi abamelwane. elawula ukufakelwa nokusetyenziswa kweejenereyitha, yaye oko kusenziwa

ULouis Pienaar,uMlawuli wesiGqeba oBambeleyo kaMasipala: IiNkonzo

zobuNjineli, kwakunye noShaun Reece, iGosa lethu loLawulo lweNgxolo, banika abafundi be Vars iingcebiso ngeendlela ezikhuselekileyo nezisemgaqweni zokufakela iijenereyitha eDrakenstein.

Kusetyenziswa eyiphi imigaqo?

• Ukuba ucinga okanye ucamngca ukufakela ijenereyitha kufuneka wenze/ufake isicelo seplani yokwakha esibonisa ngokucacileyo indawo echazayo kunye nobukhulu bejenereyitha. Isicelo seplani yokwakha kufuneka siqale samkelwe phambi kokufakela ijenereyitha.

32

VARS | March

Made with FlippingBook Digital Publishing Software